1 Samuel 11:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watabata isibini senkabi, wazihlahla, wazituma kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli ngezandla zezigidimi, kusitwa: Osukuba engapumi emva kwo‐Saule nasemva kwo‐Samyali, kuya kwenziwa njalo kuzo inkabi zake. Lwaza ’ulwoyiko lukatixo lwawa pezu kwabantu, bada bapuma njengomntu mnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathabatha iinkomo zambini, wazityatya, wathumela emideni yonke yakwaSirayeli ngesandla sabathunywa, esithi, Ongathanga aphume alandele uSawule, alandele uSamuweli, ziya kwenjiwa nje iinkomo zakhe. Abantu bafikelwa kukunkwantya nguYehova, baphuma njengandoda-nye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazithabatha iinkomo, wazityatya, wathuma abathunywa ezweni lonke lakwaSirayeli, esithi, Bonke abasukuba bengamlandeli uSawule noSamuweli, baya kwenjiwa njalo emazimeni abo. Ukoyikwa kukaYehova kwaba phezu kwabantu, bahamba bentliziyo-nye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.” AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le.