1 Samuel 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati kuzo izigidimi ezezayo: Niya kutsho kuwo amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi ukuti: Ngomso, nxa ilanga libalelayo, niya kuba nosindiso. Zasuka izigidimi zeza zawaxelela amadoda ase‐Yabeshe; avuya ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kubathunywa abafikileyo, Yitshoni kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ukuthi, Ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Bemka abathunywa, bawaxelela amadoda aseYabheshe; avuya ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kubathunywa ababefikile, Yizani kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi, nithi, ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Beza abathunywa, bawaxela amadoda aseYabheshe; kwaye bonwabile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izigidimi ezivela eJabheshe kwathiwa mazigoduke nomyalezo othi: “Ze niwaxelele amawenu nithi: ‘Ngomso oku, ngemini emaqanda, nobe nihlangulwe.’ ” Bavuya kakhulu wakufika loo myalezo abantu baseJabheshe.