1 Samuel 12:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bada bakala kuyehova, bati: Sonile, ngokuba sishiyile uyehova, sakonza o‐Bali no‐Hashetorete; kodwa kaloku sisindise esandleni sentshaba zetu, sasiya kukonza wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhala kuYehova, bathi, Sonile, ngokuba samlahlayo uYehova, sakhonza ooBhahali nooAshtaroti; kaloku ke sihlangule esandleni seentshaba zethu, sikukhonze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banqula uYehova, besithi, Sifekile, ngokuba sikukreqile kuYehova, sakhonza ooBhahali nooAshtaroti; sihlangule esandleni seentshaba zethu, yaye siya kukukhonza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’