1 Samuel 12:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti ukuba aniyi kupulapula ilizwi likayehova, koko nivukela ngakuwo umlomo kayehova, sesiya kuti isandla sikayehova sibe ngakuni, njengokuba besingakubo oyihlo benu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba anithanga niliphulaphule izwi likaYehova, ukuba nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova sonichasa, njengokuba sachasa ooyihlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba anithanga niliphulaphule ilizwi likaYehova, nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova siya kunichasa, njengokuba sachasa ooyihlo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.