1 Samuel 12:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ize ningapambuki; ngokuba beniya ku landela izinto ezingendawo, ezingenakunceda, ezingenakusindisa nokusindisa; ngokuba zingendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningatyeki; ngokuba ningaba nilandela izinto ezililize, ezingenakunyusa, ezingenakuhlangula, ngokuba zililize.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye musani ukutyeka; ngokuba ingamampunge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nize ningarhorhozeli emva *koothixo abangento. Abanako ukuninceda, bengenako ukunihlangula. Kaloku bona zizinto ezingento nje.