1 Samuel 12:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nanku ndilapa nje, nqi̔nelani ngakum pambi kwotixo, napambi kwomtanjiswa wake: yekabanina inkabi endiyihlutileyo? lelikabanina iqwaṙashe endilihlutileyo? ngubanina endimlumkisileyo? ngubanina endimbandezeleyo? ndisamkele isizi kwesikabanina isandla, ukuba ndimfamekise amehlo am ngaso? ndandiya kubuyisela kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanku ndikho; ngqinani ngam phambi koYehova, naphambi komthanjiswa wakhe: ndathabatha nkomo kabani na? ndathabatha esile likabani na? ndacudisa bani na? ndavikiva bani na?ndathabatha esandleni sikabani na ucamagusho lokumfamekisa amehlo am? ndonibuyisela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndim lo ndithathe iesile likabani na? ndilahlekise bani na? Ndakha ndacinezela bani na? ndinyobe kubani na ukuba ndiwamfamekise amehlo am ngayo? ndiya kuyibuyisela kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndim lo ke, ndithi ukuba ndakha ndanona ndimangaleleni ngoku apha phambi *koNdikhoyo naphambi komthanjiswa wakhe ukumkani. Ndakha ndahlutha bani inkabi yakhe yenkomo okanye idonki? Ndakha ndacinezela bani na; ingubani endakha ndamngcungcuthekisa? Ngubani owakha wandinyoba ukundivala umlomo? Ukuba ndakha ndayenza into enjalo, ndiya kuyenza imbuyekezo.”