1 Samuel 12:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa bamlibala uyehova, utixo wabo; waza wabatengisa esandleni sika‐Sisera, inkosi yempi yase‐Hatsore, nasesandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sokumkani wama‐Mowabi, abalwayo ngakubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamlibala uYehova uThixo wabo; wathengisa ngabo esandleni sikaSisera, umthetheli-mkhosi waseHatsore, nasesandleni samaFilisti, nakwesokumkani wakwaMowabhi, balwa nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamlibala uYehova uThixo wabo, wathengisa ngabo esandleni sikaSisera, umthetheli-mkhosi waseHatsore, nasesandleni samaFilisti, nasesandleni sokumkani wakwaMowabhi; balwa nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo.