1 Samuel 13:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Samyali: Wenze nto nina? Wayesiti u‐Saule: Ngokuba bendibona ukuba abantu bacitekile kum, nokuba wena akufikanga ngemihla emisiweyo, nokuba ama‐Filistiya ahlanganiselwe e‐Mikimashe;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungafiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamuweli, Wenza ntoni na? Wathi uSawule, Ngenxa enokuba ndibonile ukuba amadoda echithakele, endishiya, nawe ungezanga ngemihla emisiweyo, namaFilisti abehlanganisene eMigmas;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?” Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe,