1 Samuel 13:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ngoku ubukumkani bako abuyi kuma: uyehova uzifunele indoda enjengentliziyo yake; kanjalo uyehova uyimisele ibe yinkosi pezu kwabantu bake; ngokuba ungagcinanga oko akuyaleleyo uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yinganga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ngoku, ubukumkani bakho abuyi kubakho; uYehova wakhangela indoda entliziyweni yayo, wayimisa uYehova ukuba ibe ngumlawuli wabantu bakhe, ngokuba engayigcinanga imithetho kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ngoku luza kunqamka ulawulo lwakho, kuba uwutyeshele kaloku umyalelo kaNdikhoyo. UNdikhoyo uzityumbele enye indoda esenyongweni yakhe ukuba ibalawule abantu bakhe.”