1 Samuel 13:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselesuka u‐Samyali, wenyuka e‐Gilegale waya e‐Gibeha yakwa‐Benjamine. Waye u‐Saule wabala abantu abakoyo naye, banga bangamakulu matandatu amadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uSamuweli, wenyuka waya eGiligali, waya eGibheha ezweni lakwaBhenjamin. uSawule wawabala amadoda abenaye, ngathi kumakhulu amathandathu amadoda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamweli wesuka eGiligali waya eGibheya kummandla wakwaBhenjamin. USawule wawabala amadoda asele naye, wafumana ukuba amalunga namakhulu amathandathu.