1 Samuel 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, nabantu abakoyo nabo, bahlala e‐Geba yakwa‐Benjamine. Kodwa ama‐Filistiya ati waca e‐Mikimashe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule, noYonatan unyana wakhe, namadoda abenabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin, amaFilisti wona amise iintente eMigmas.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule nonyana wakhe uJonatan kunye nomkhosi wabo babemise eGebha kummandla wamaBhenjamin. Wona amaFilistiya amisa eMikimashe.