1 Samuel 13:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula u‐Saule wazinyulela amawaka matatu amadoda akwa‐Sirayeli; amawaka mabini ebeko no‐Saule e‐Mikimashe nasentabeni yase‐Betele, newaka linye ebeno‐Jonatane e‐Gibeha yakwa‐Benjamine; nabantu abaseleyo wabandulula baye abanye ngabanye ezintenteni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wazinyulela amawaka amathathu kumaSirayeli; amawaka amabini ayenoSawule eMikmas nakweleentaba laseBheteli, iwaka elinye laye linoYonatan eGibheha yakwaBhenjamin. Abantu abaseleyo wabandulula, baya elowo ententeni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wanyula amawaka amathathu amadoda kumaSirayeli; Amawaka amabini kubo anoSawule eMigmas ezintabeni zaseBheteli, iwaka libe noYonatan eGibheha yakwaBhenjamin; Abantu abaseleyo wababuyisela ezintenteni zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uSawule wakhetha amawaka amathathu amadoda akwaSirayeli. Amawaka amabini asala naye eMikimashe naseBhetele kweleentaba. Elinye iwaka walithumela eGibheya kummandla wakwaBhenjamin kunye noJonatan. Amanye amadoda wathi makagoduke.