1 Samuel 13:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngomhla wokulwa, akwafunyanwa iṙele nentshuntshe ezandleni zabo bonke abantu ababeno‐Saule no‐Jonatane; kodwa bekufunyanwa ku‐Saule naku‐Jonatane unyana wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemini yedabi bekungekho krele nantshuntshe esandleni samadoda onke abenoSawule noYonatan; kodwa kwakukho uSawule noYonatan unyana wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko ngomhla wedabi kwakungekho nanye indoda kwaSirayeli eyayinekrele okanye umkhonto, ngaphandle nje kukaSawule nonyana wakhe uJonatan.