1 Samuel 13:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bonke o‐Sirayeli beva kusitwa: u‐Saule ubetile ilali yama‐Filistiya: nakanjalo, o‐Sirayeli banukele ama‐Filistiya. Bandula abantu babizelwa ndawonye emva kwo‐Saule e‐Gilegale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti.Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke amaSirayeli eva ukuba uSawule uyoyisile umkhosi wamaFilisti, nokuba amaSirayeli angamasikizi kumaFilisti. Yaye abantu bahlanganisana ndawonye ukuba balandele uSawule ukuya eGiligali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.