1 Samuel 13:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati amadoda akwa‐Sirayeli akubona ukuba asesixakeni, (ngokuba abantu bebekatazekile,) bandula abantu bazimela emiqolombeni, nasezindadeni, nasemaweni, nasezinqatyeni, naseminxunyeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazimela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubona amadoda akwaSirayeli ukuba aswele (ngenxa yokuba abantu babebandezelekile), abantu bazifihla emiqolombeni nasemahlathini nasemaweni nasezindaweni eziphakamileyo nasemingxunyeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni.