1 Samuel 13:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ama‐Hebere awela i‐Yoredane ukuya elizweni lakwa‐Gadi nele‐Gileyadi. Kodwa u‐Saule ebeseko yena e‐Gilegale, bati bonke abantu bamlandela ngokungcangcazela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amanye amaHebhere awela iYordan esiya kwilizwe lakwaGadi naseGiliyadi. Ke yena uSawule, wayeseseGiligali, yaye bonke abantu babengcangcazela bemlandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi. Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye.