1 Samuel 14:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute ngomhla otile, wati u‐Jonatane unyana ka‐Saule kumfana otwele izixo̔bo zake: Hamba, sigqite siye elalini yama‐Filistiya ekwelinye icala. Kodwa akamxelela uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana ophatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yamaFilisti ephesheya phaya. Akamxelela uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siye kumagorha amaFilistiya ngaphesheya. Akamxelela uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamhla uthile uJonatan unyana kaSawule wavakala esithi kumfana omphathela izikrweqe: “Masikhe siwelele ngaphesheya phaya kulaa kampana yamaFilistiya.” Phofu akayithethanga kuyise le nto uJonatan.