1 Samuel 14:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ukuba aya kutsho ukuti: Nyukelani kuti: sesiya kunyuka; ngokuba uyehova ewanikele esandleni setu: kwa lento yoba ngumqondiso kuti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba athe, Nyukani nize kuthi: sonyuka, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu; lowo woba ngumqondiso kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathi, Nyukani nize kuthi; siya kunyukela khona apho, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu, yaye oku kuya kuba ngumqondiso kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke xa athe: ‘Nyukani nize kuthi,’ siya kunyuka, kuba lowo ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uwanikele esandleni sethu.”