1 Samuel 14:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula amadoda aselalini apendula u‐Jonatane nomtwali wezixo̔bo zake, ati: Nyukelani kuti, sasiya kunazisa into. Waselesiti u‐Jonatane kumtwali wezixo̔bo zake: Nyuka emva kwam; ngokuba uyehova ewanikele esandleni so‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonise. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaphendula abalindi ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, bathi, Nyukani nize kuthi, sonibonisa. Wathi uYonatan kumfana lowo, Nyuka undilandele; ngokuba uYehova uwanikele esandleni soonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Atsho akhweba uJonatan kunye nalaa mfana umphathela izikrweqe, esithi: “Yizan' apha, sinifundise isifundo!” Uthe uJonatan kuloo mfana: “Ndilandele sinyuke; uNdikhoyo uwanikele esandleni samaSirayeli.”