1 Samuel 14:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwasuka kwabako ukungcangcazela emkosini, nasezindle, nasebantwini bonke; abelali, nabafaci, bangcangcazela nabo; ewe, umhlaba wazamazama; ngokuba bekuko ukungcangcazela kuvela kutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabakho umothuko emkhosini, nasezindle, nasebantwini bonke; ikampu namatutu bothuka nabo; wanyikima umhlaba; yaba sisothuso esivela kuThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabakho ukunyikima phakathi komkhosi ezweni nakubo bonke abantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wadideka luloyiko wonke umkhosi wamaFilistiya, nditsho lowo usekampini, nalowo usemathafeni, nalowo ukwiikampana, nalowo ukumahlelo ahlaselayo. Bacela kwabasicatyana, watsho wanyikima umhlaba. Yayingumsebenzi kaThixo ke lo.