1 Samuel 14:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku amadoda akwa‐Sirayeli ebediniwe ngalomini; ngokuba u‐Saule ebefungisile abantu, esiti: Makuqalekiswe osukuba esidla ukudla kude kuhlwe, ukuze ndipindezelwe ezintshabeni zam. Ngako bonke abantu abeva ukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini.USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu abadla nento.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amadoda akwaSirayeli ayedidekile ngaloo mini, kuba uSawule wayebacebisile abantu, esithi, Uqalekisiwe odla inyama, kude kuhlwe, ndize ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Ngoko ke abantu akubangakho namnye ukungcamla ukutya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini amaSirayeli ayesengxakini. Kaloku uSawule wenza isifungo esibophelela abantu, wathi: “Inene, ndithi nabani na namhlanje okhe wasa nantoni na phantsi kwempumlo ndingeka-ziphindezeli kwiintshaba zam uqalekisiwe.” Ngoko ke akuzange kubekho mntu utyayo ngaloo mini.