1 Samuel 14:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakufika abantu ehlatini, nangu umsinga wobusi; kodwa bekungeko mntu owabeka isandla sake emlonyeni wake, ngokuba abantu bebesoyika isifungo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Afika amadoda ehlathini, avuza ubusi; akasibeka isandla sakhe emlonyeni wakhe, ngokuba abantu bebesoyika isifungo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakungena ehlathini babona ubusi butsitsa, kodwa akubangakho bani ukhongozelayo atye; kaloku bonke babesoyika isiqalekiso sikaSawule.