1 Samuel 14:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Jonatane ebengevanga, nxa uyise abefungisa abantu; ngako wayolula incam yentonga ebisesandleni sake, wayifaka encindini yobusi, wasibuyisela emlonyeni wake isandla sake; ati amehlo ake akanya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe;aqabuka amehlo akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akaphulaphula uYonatan ekucebisaneni kukayise ebantwini; ke ngoko, wathabatha incam yentonga awayeyibambe, wayicinezela endlwini yeenyosi, waza wabeka isandla sakhe emlonyeni; kwaye amehlo akhe akhazimla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJonatan yena wayengasivanga isifungo sikayise esibophelela abantu. Wahlaba ngentonga awayeyiphethe enqatheni lobusi, yabuya imanzi, wafaka emlonyeni, kwatsho kwee qabu kwangoko.