1 Samuel 14:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza omnye wasebantwini wapendula wati: Uyihlo waqinisa ukufungisa abantu ngokuti: Makaqalekiswe osukuba esidla ukudla namhla. Kekaloku abantu bebecubukile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje.Babethe ncithi abantu liphango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaphendula enye indoda, yathi, Uyihlo ubathethe kakubi abantu, wathi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Kwaye abantu babediniwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Elinye ijoni lathi: “Uyihlo uwubophelele wonke umkhosi ngesifungo esingqongqo, esithi: ‘Uqalekisiwe nabani na oya kuthi atye namhlanje.’ Yiloo nto amadoda ephelelwe ngamandla nje.”