1 Samuel 14:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Ahiya, unyana ka‐Ahitube, umzalwana ka‐Yikabode, unyana ka‐Finehasi, unyana ka‐Heli, umperisite kayehova e‐Shilo, evete iyefodi. Baye abantu bengazi ukuba u‐Jonatane wemkile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
enoAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova eShilo, enxibe iefodi. Bebengazi abantu ukuba uYonatan uyile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
inguAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova waseShilo, enxibe ingubo engaphantsi. Babengazi abantu ukuba uYonatan uyile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Isidanga sasiphathwa ngumbingeleli uAhiya unyana ka-Ahitubhi, umntakwabo-Ikabhodi, oonyana bakaPineyasi, abazukulwana bakaEli owayengumbingeleli *kaNdikhoyo eShilo. Akazanga akuqaphele ukumka kukaJonatan nkqu namadoda omkhosi kaSawule.