1 Samuel 14:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwaxelwa ku‐Saule, kusitwa: Naba abantu besona ngakuye uyehova ngokudla kunye negazi. Wayesiti: Nenzile ngobumenemene; qengqelani kum namhla ilitye elikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi. Wathi, Nitshinizile; qengqelani kum ilitye elikhulu ngoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokudla igazi; Wathi, Nikreqile; ndiphose ilitye elikhulu namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabakho abaya kuxelela uSawule, besithi: “Mhlekazi, nangaya amadoda esenza isono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.” “Nikreqile!” wavakala esitsho uSawule. “Makuqengqwe ilitye elikhulu, liziswe apha,