1 Samuel 14:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo u‐Saule: Yitini sa pakati kwabantu, niti kubo: Sondezani kum, abanye ngabanye inkabi zabo, nabanye ngabanye igusha zabo, nizixe̔le apa, nidle; nize ningoni ngakuye uyehova ngokudla kunye negazi. Baza bonke abantu basondeza nabo abanye ngabanye inkabi zabo ngobusuku obo, bazixe̔la kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule, Yiyani phakathi kwabantu, uthi kubo, Ziziseni kum elowo inkomo yakhe nomhlambi wakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokudla igazi. Bonke abantu bazisa elowo iinkomo zakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
niye phaya kulawa madoda, nithi ndithi makeze nezo nkomo neegusha zawo, azixhele apha, azitye, angenzi sono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.” Beza nazo ke ezo nkomo, bazixhela apho ngokuhlwa kwaloo mini.