1 Samuel 14:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Saule: Masihle emva kwama‐Filistiya ngobusuku, siwapange kude kukanye ukusa, singasalisi nanye indoda pakati kwawo kanjalo. Bati abantu: Yenza konke okulungileyo emehlweni ako. Wati kodwa umperisite: Masisondele apa kutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule, Masiwasukele amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kube ngomso, kungashiyi namnye kuwo. Bathi ke bona, Yenzani okulungileyo emehlweni enu. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavakala esithi kumadoda omkhosi wakhe uSawule: “Masiwahlasele amaFilistiya ngobu busuku, siwahluthe amaxhoba kude kuvele umsobomvu, siwabulale onke.” Aphendula amadoda athi: “Qhuba ngokubona kwakho, mhlekazi.” Kuselapho kunqande umbingeleli, wathi: “Masive kuThixo kuqala.”