1 Samuel 14:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, ehleli nje uyehova, osindisa o‐Sirayeli, nakuba besiko ku‐Jonatane unyana wam, uya kufa ngenyaniso. Kodwa bekungeko namnye owampendulayo ebantwini bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba eneneni ngoYehova ophilayo okhululayo uSirayeli, ukuba kuthe kwenzeka kuYonatan unyana wam, ngokuqinisekileyo uya kufa. Kodwa phakathi kwabantu bonke akubangakho namnye umphendulayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndifunga uNdikhoyo ophilayo, lo ungumhlanguli kaSirayeli, ukuba loo mntu wenze lo monakalo uya kufa, nditsho nokuba nguJonatan unyana wam.” Kwathi nzwanga!