1 Samuel 14:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakati kwengxingwa, apo u‐Jonatane wafuna ukugqita kona ukuya elalini yama‐Filistiya, bekuko itsolo leliwa ngelicala, netsolo leliwa ngeliya icala: igama lelinye beliyi‐Botsetse, negama lelinye beliyi‐Sene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezingxingweni, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye ekampini yamaFilisti, bekukho itsolo lengxondorha ngapha; kukho itsolo lengxondorha ngaphaya; igama lelinye libe linguBhotsetse, igama lelinye linguSene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phakathi kwezikroba, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye kwizigidimi zamaFilisti, bekukho iliwa elibe neli nganeno; igama lomnye nguBosese, kwaye igama lomnye nguSene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuloo ngxingwa yaseMikimashe, le wayeza kuphumelela kuyo uJonatan xa awelela kwikampana yamaFilistiya, kwakukho amawa amabini, eziingqajolo, ephahle loo ngxingwa. Kwakusithiwa nguBhozeze elinye ukubizwa kwalo, elinye kusithiwa nguSene.