1 Samuel 14:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati kubo bonke o‐Sirayeli: Yibani nina kwelinye icala, nam no‐Jonatane unyana wam soba kwelinye icala. Bati ke abantu ku‐Saule: Yenza okulungileyo emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kumaSirayeli onke, Yimani ngapha, mna noYonatan unyana wam, sibe ngelinye icala. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uSawule kumkhosi wakhe uphela: “Kulungile ke, yimani kweliya cala nonke; mna noJonatan siza kuma kweli.” “Yenza ngokubona kwakho, mhlekazi,” yatsho impendulo.