1 Samuel 14:47 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWA njalo u‐Saule wabamba ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli, walwa ngakuzo zonke intshaba zake ezingqongayo, ngakuwo ama‐Mowabi, nangakulo usapo luka‐Hamoni, nangakuwo ama‐Edome, nangakubo okumkani be‐Tsoba, nangakuwo ama‐Filistiya; nalapo kusukuba ebebeka kona, wazeyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSawule wabuthabatha ubukumkani bakwaSirayeli waza walwa nazo zonke iintshaba zakhe ezazivela macala onke, walwa noMowabhi noonyana baka-Amoni noEdom nookumkani baseTsobha namaFilisti; kwaye naphi na apho wayejika wayesoyikisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule ekubeni engene ezintanjeni zokulawula, wazilwa iintshaba zamaSirayeli kwiindawo ngeendawo. Walwa namaMowabhi, ama-Amon, kunye namaEdom, kwakunye neekumkani zaseZobha, namaFilistiya. Wayetshatshela konke apho aya khona edabini.