1 Samuel 14:52 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko ukulwa okunzima ngakuwo ama‐Filistiya ngayo yonke imihla ka‐Saule; ngako, onke amagoṙa, nawo onke amadoda obuṙoti, akuwabona u‐Saule, wawabutela kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaye kunzima ukulwa namaFilisti yonke imihla kaSawule;ngoko uSawule ubesithi akubona indoda eligorha nokuba yiyiphi, nendoda enobukroti nokuba yiyiphi, ayithabathele kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho imfazwe enzima kumaFilisti yonke imihla kaSawule; yaye xa uSawule wabona indoda eyomeleleyo okanye indoda elikroti, wayizisa kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahlala esilwa ngamandla namaFilistiya uSawule bonke ubomi bakhe. Wayedla ngokufaka emkhosini wakhe yonke indoda eyomeleleyo nelikhalipha.