1 Samuel 14:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Jonatane wati kumfana otwele izixo̔bo zake: Hamba, sigqite siye elalini yaba bangalukileyo; kungaba uyehova wosisebenzela; ngokuba kungeko isitintelo kuyehova ukuba asindise ngabaninzi umhlaumbi ngabancinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba, siwele, siye kwaba balindi ngomzuzu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ubuye wathi uJonatan kuloo mfana umphathela izikrweqe: “Masiwelele kulaa kampana yeziya ntlanga zingalukiyo. Mhlawumbi angakwicala lethu uNdikhoyo. Akukho nto inokumthintela uNdikhoyo ukuba angahlanguli, nditsho nokuba sibaninzi, nokuba simbalwa.”