1 Samuel 15:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Samyali wati ku‐Saule: Uyehova wandituma ukuba ndikutambise ube ngukumkani pezu kwabantu bake, pezu kwo‐Sirayeli; ngako kaloku yiva ilizwi lamazwi kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli.Waphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya wathi uSamuweli kuSawule, uYehova undithume ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe amaSirayeli; liphulaphule ke ngoku ilizwi lamazwi kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSamweli wabhekisa kuSawule wenjenje: “Ndim owathunywa *nguNdikhoyo ukuba ndikuthambise ube ngukumkani wabantu bakhe amaSirayeli. Phulaphula ke ngoku, uve udaba oluvela kuNdikhoyo. UNdikhoyo uThixo onamandla onke utsho ukuthi: