1 Samuel 15:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kulusizi kum ukuba ndimenzile u‐Saule ukumkani; ngokuba ebuyile emva kwam, namazwi am engawafezanga. Waza waqumba u‐Samyali, wakala kuyehova ubusuku bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani;ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiyaxolisa ngokuba ndimenze ukumkani uSawule, ngenxa yokuba uye wandinikela umva waza akazange ayiphumeze imiyalelo yam. Kwaba buhlungu oko kuSamuweli; wabiza uYehova ubusuku bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.