1 Samuel 15:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hamba kaloku, ubete u‐Amaleki, nikulahlele ekutshatyalalisweni konke anako, ungabi nanceba pezu kwake; uze ubulale kwa amadoda nabafazi, intsapo nentsana, inkabi negusha, inkamela namaqwaṙashe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku hamba uye uwabulale ama-Amaleki, utshabalalise yonke into anayo, ungawacongi; kodwa yixheleleni inkunzi, nemazi, nabantwana, nabantwana, neenkomo, nempahla emfutshane, neenkamela, namaesile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiya kuwahlasela ama-Amaleki, utshayele konke okukokwawo. Ungashiyi nto; ubulale indoda, umfazi, umntwana, nkqu nosana olu lwembala; kufe zinkomo, zigusha, zinkamela, kunye nezo donki zawo.’ ”