1 Samuel 15:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Ndonile; noko kaloku kaundibeke pambi kwabadala babantu bam, napambi kwo‐Sirayeli, uze ubuye nam, ukuba ndimbedeshe uyehova, utixo wako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Ndonile; wosewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndihlulekile; Noko ke ndizukise phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uSawule wathi: “Ewe kambe, ndonile. Kodwa ke wena bonakalisa imbeko kum phambi kwezithwala-ndwe zamajoni am nangaphambi kwamaSirayeli. Ndikhaphe ndiye kuqubuda kuNdikhoyo uThixo wakho.”