1 Samuel 15:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Samyali: Njengokuba iṙele lako libahlutile abafazi abantwana babo, kwa njalo unyoko uya kuhlutwa abantwana pakati kwabafazi. Waza u‐Samyali wamhlahla u‐Hagagi pambi kwoyehova e‐Gilegale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, uya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamuweli, Njengokuba umkhonto wakho ubadlayo aba bafazi, unyoko uya kubabulala abantwana phakathi kwabafazi. uSamuweli wamnqumla uAgagi phambi koYehova eGiligali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka uSamweli wavakala esithi: “Ikrele lakho lishiye abazalikazi abaninzi bengenabantwana, nowakho ke ngoku unyoko uza kungabi namntwana.” Watsho emhlahla loo Agagi apho ngaphambi kukaNdikhoyo eGiligali.