1 Samuel 15:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akapinda ke u‐Samyali ukumbona u‐Saule, kwada kwangumhla wokufa kwake: kodwa u‐Samyali wamlilela u‐Saule noko. Kanjako kwalusizi kuyehova ukuba ebemenzile u‐Saule ukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule. Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSamuweli akabuyanga amvelele uSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kodwa uSamuweli waba buhlungu ngenxa kaSawule, yaye uYehova waguquka ngenxa yokuba wayemenze uSawule ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamweli akazange abuye ambone ukumkani emva koko. Kambe ke wasoloko engcungcutheka ngenxa kaSawule. UNdikhoyo kaloku wayezisola ngokwenza kwakhe uSawule ukumkani.