1 Samuel 15:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Saule wabiza abantu, wababala e‐Telayime, amawaka angamakulu mabini abahamba ngenyawo, namawaka alishumi amadoda akwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawahlanganisa uSawule amadoda, wawabala eTelayim: amakhulu amabini amawaka omqikela, neshumi lamawaka amadoda akwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda.