1 Samuel 15:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Saule wati kuma‐Keni: Hambani, nimke, nihle pakati kwama‐Amaleki, hleze ndinicite nawo; ngokuba nina nenzele lwonke usapo luka‐Sirayeli ububele, ekunyukeni kwalo e‐Jipete. Andula ama‐Keni emka pakati kwama‐Amaleki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kumaKanan, Sukani, nihle, ningene kuma-Amaleki, hleze ndinitshabalalise nawo; ngenxa yokuba nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo bephuma eYiputa. Aphuma ke amaKanan kuma-Amaleki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.