1 Samuel 15:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Saule nabantu bebenenceba pezu kwo‐Hagagi, napezu kwezilungileyo kakulu pakati kwegusha, nenkabi, nenkomo ezilungileyo ngasemva, napezu kwemvana, napezu kwako konke okulungileyo, bengavumanga ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; kodwa zonke izinto ezidelekayo nezibityileyo, zona bazilahlela ekutshatyalalisweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo abavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uSawule nabantu bamsindisa uAgagi nezona zilungileyo izimvu neenkomo netyetyisiweyo namatakane eegusha nako konke okulungileyo; hlamba ukungcola.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.