1 Samuel 16:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WADA uyehova wati ku‐Samyali: Kude kube ninina uya kumlilela u‐Saule, ndimlahlile nje mna ukuba angabi ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli? zalisa upondo lwako ngeoli, uhambe; ndokutuma ku‐Jese um‐Beteleheme; ngokuba ndizibonele ukumkani pakati kwonyana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSamuweli, Uya kumlilela kude kube nini na uSawule, ndimcekisile nje ukuba angabi kumkani kumaSirayeli?Zalisa isigodlo sakho ngeoli, uhambe; ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem; ngokuba ndizibonele ukumkani koonyana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSamuweli, Uya kumlilela kude kube nini na uSawule, ndimshiyile nje ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli? Zalisa isigodlo sakho ngeoli, hamba, ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem; ngokuba ndizinyulele ukumkani koonyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuSamweli: “Koda kube nini uzingcungcuthekisa ngenxa kaSawule? Ndimkhiqile ekulawuleni amaSirayeli. Zalisa iqhaga lakho ngamafutha omnquma, uye eBhetelehem kwaJese, kuba ndityumbe omnye koonyana bakhe ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.”