1 Samuel 16:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watuma ke, wamngenisa. Waye yena ebomvuṙa, enobuhle bamehlo nesoya sokubonakala. Wayesiti uyehova: Suka, umtambise; ngokuba lo enguye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise;ngokuba nguye lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela ukuba aziswe. Ebebomvu ebusweni, emhle, emhle imbonakalo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJese wathumela, waza waphuthunywa. Ebusweni ebekhangeleka esegazini, enamehlo abukhali, eyinzwana yomfo. UNdikhoyo ke wathi kuSamweli: “Nguye ke lowo, mthambise!”