1 Samuel 16:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Samyali watabata upondo oluneoli, wamtambisa pakati kwabakuluwe bake: wati umoya kayehova wehla pezu kwo‐Davide kwa semhleni lowo nangasemva. Wesuka ke u‐Samyali, waya e‐Rama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSamuweli wathabatha uphondo oluneoli waza wamthambisa phakathi kwabazalwana bakhe, yaye umoya kaYehova wehla phezu koDavide ukususela ngaloo mini. Emva koko uSamuweli waphakama waya eRama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathatha elo qhaga lamafutha omnquma wayeliphethe uSamweli, wathambisa ngawo uDavide, abakhuluwa bakhe bejongile. Ukusukela ngaloo mini uDavide wangenwa ngamandla nguMoya kaNdikhoyo. Emva koko ke uSamweli yena wabuyela eRama.