1 Samuel 16:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova wati ku‐Samyali: Ungakangeli ukubonakala kwake, nobupakamo bobude bake, ngokuba ndimlahlile: ngokuba kungenjengokuba kubonwa ngumntu; ngokuba umntu ebona okupambi kwamehlo, kodwa uyehova ebona okusentliziyweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile.Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela ubuso bakhe, nokuphakama kwesiqu sakhe; ngokuba ndimshiyile; ngokuba uYehova akaboni njengoko abonayo umntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”