1 Samuel 17:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Davide ebengunyana walom‐Eferata wase‐Beteleheme‐juda, ogama belingu‐Jese; owabenonyana abasibozo: kanjalo indoda leyo, emihleni ka‐Saule, yahlala ilixego pakati kwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, unyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide ubengunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ogama belinguYese; ubenoonyana abasibhozo, ibe ke indoda leyo ibiyindoda enkulu phakathi kwabantu ngexesha likaSawule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wayengunyana kaJese umEfrata waseBhetelehem kwaJuda. UJese wayenoonyana abasibhozo. Wayeselemdala kakhulu ngexesha ekwakulawula uSawule.