1 Samuel 17:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Davide washiya impahla ezikuye ezandleni zomlindi wempahla, wagidimela ngasemabandleni, weza wabuza abakuluwe bake ukupila kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wayishiya inqwelo yakhe esandleni sabalindi, wabalekela emkhosini, wababulisa abazalwana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oko kutya wayekuphethe uDavide wakushiya kumgcini-mithwalo, wagqotsa ukuya apho kuza kuliwa khona. Akufika wabulisa abantakwabo.