1 Samuel 17:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli ati: Niyibonile na lendoda enyukileyo? ngokuba inyukile ukuza kugxeka o‐Sirayeli: kwakuya kuti, leyondoda eyibulalayo, ukumkani uya kuyityebisa ngobutyebi obukulu, ayinike intombi yake, ayenze indlu yoyise ibe ikululekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amadoda akwaSirayeli, Niyibonile na laa ndoda inyukayo? wenyuka waya kuwadela amaSirayeli; yaye umntu oya kumbulala, ukumkani uya kumtyebisa ngobutyebi obuninzi, amnike intombi aze ayikhulule indlu kayise kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli avakala esithi: “Yoo! Nimbonile laa mfo? Niyivile into ayithethayo? Akasidelanga na? Ukumkani uSawule uthe indoda embuleleyo uya kuyinika omkhulu wona umvuzo. Nangaphezu koko uya kumtshatisa nentombi kakumkani, ungàrhafiswa nomzi kayise.”